![cover image](https://wikiwandv2-19431.kxcdn.com/_next/image?url=https://upload.wikimedia.org/wikipedia/commons/thumb/b/b8/SouthAtlantic.png/640px-SouthAtlantic.png&w=640&q=50)
Iilwandle
From Wikipedia, the free encyclopedia
Ulwandle ngummandla omkhulu wamanzi anetyuwa phakathi kwamazwekazi. Iilwandle zinkulu kakhulu kwaye zidibana nezinye iilwandle ezincinci zitsho zimanyane. Xa zidibene zizonke, iilwandle zibangathi ‘’zilulwandle’’ olunye, kuba zonke iilwandle zimanyene. Iilwandle (okanye ii-marine biome) zithatha ama-70% zeli hlabathi siphila kulo. [1]
![Thumb image](http://upload.wikimedia.org/wikipedia/commons/thumb/b/b8/SouthAtlantic.png/640px-SouthAtlantic.png)
Olona lwandle lude yi-Pacific Ocean. Lithatha umhlaba ongekuhamnjwa kuwo ongange-1/3 (yesiqingatha)somhlaba esiphila kuwo. Igama lolona lwandle luncinane kuthiwa yi-Arctic Ocean. Iindlela zeentshukumo zamanzi zizo ezahlula Ulwandle olusemaZantsi ehlabathi kwezinye iilwandle ezifana ne-Atlantic, i-Pacific and nolwase-India. Olu lwandle lukwaziya ngegama elithi yi-Antarctic, kuba kaloku igubungele yonke ingingqi ejikeleze i- Antarctica. Imephu ezindala zisenokungawsebenzisi amagama athi-ulwandle i-Arctic nelithi ulwandle UmZantsi lwandle. Olona lwandle lunzulu yi-Pacific. Esona siza sinzulu yi-Mariana Trench, ubunzulu baso buziimitha ezili-11,000 (36,200 beenyawo). Eyona nto bubonakala ngayo ubunzulu bolwandle yingqele eqhaqhazelisa amazinyo, ukunyuka koxinzelelo lomoya, nobumnyama obugqibeleleyo. Ezinye iintlobo zezilwanyana ezingaqhelelaka kwaphela ziphila kanye kule ndawo yolwandle. Aziphili ngamandla avela elangeni ukuze, kuba zisebenzisa iityuwa ezifumaneka ngaphantsi komhlaba.